Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 4:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo,

18. abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile.

19. Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni.

20. Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu.

21. Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu.

22. Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni.

23. Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo.

24. Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.

25. Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo,kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 4