Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 4:1-19 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza;

2. nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

3. Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

4. Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.

5. INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye.

6. Kanti ukwamnye noThixo onguYise woluntu luphela, olawula izinto zonke, esebenza ngezinto zonke, ekwakho kwiinto zonke.

7. Umntu ngamnye wabelwe isiphiwo esisodwa ngangobubele bukaKrestu.

8. Yiyo ke le nto *iziBhalo zithi:“Unyukele ezulwini eqhuba abathinjwa,waza wabela abantu izipho.”

9. Kuthetha ukuthini ke ukuthi unyukile? Kuthetha ukuthi wehla kuqala waya emathunjini omhlaba.

10. Lowo ke wehlayo usekwangulo kanye wenyukela ngaphaya kwamazulu, khon' ukuze izinto zonke azizalise ngobukho bakhe.

11. Nguye ke lo wababelayo izipho ezizezi abantu: Wabamisela *bangabathunywa abanye, abanye *bangabashumayeli, bangabavakalisi beendaba ezimnandi abanye, abanye bangabelusi nabefundisi.

12. Wabanika ezi zipho zokulungiselela lonke usapho lukaThixo emsebenzini walo, ukuze kwakheke ibandla elingumzimba kaKrestu.

13. Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo.

14. Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba.

15. Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

16. Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.

17. Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo,

18. abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile.

19. Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 4