Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 3:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngokumanywa naye ke singena siyokutsho kuThixo ngenkqu sikhululekile, sinesibindi ngenxa yokukholwa kuye.

13. Ndiyanibongoza ke ukuba ningadakumbi kukuba ndixhwalekile ngenxa yenu; le meko iludumo lwenu.

14. Ngenxa yale nto ke, ndizikhahlela phantsi phambi koBawo,

15. uYise walo lonke usapho olusezulwini nasemhlabeni.

16. Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe,

17. khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

18. Nanga nina nosapho lukaThixo xa lulonke, ningalunakana ukuba lungakanani na ububanzi balo, lungakanani na ubude balo, kukwangakanani na ukuphakama kwalo nokuba nzulu kwalo uthando lukaKrestu,

19. nilwazi nakuba lungenakwaziwa nje. Ewe, niye niphuphuma bubukho bukaThixo obugqibeleleyo.

20. Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi:

21. Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. *Amen.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 3