Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 1:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mna Pawulos, *umthunywa kaKrestu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ndibhalela abantu bakaThixo [abahlala e-Efese,]abakholwayo kuYesu Krestu.

2. Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.

3. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.

4. UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando.

5. UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu.

6. Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda!

7. Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa

8. asenzele sona uThixo ngokusazelelela.

9. Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu.

10. Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni.

11. Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 1