Testamente Endala

Testamente Entsha

Kutito 3:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Umntu odala uqhekeko mlumkise kude kube kabini, ungadlelani naye emva koko.

11. Umntu onjalo unengqondo engcolileyo, selezigwebe kwangezenzo zakhe.

12. Bakufika apho ooArtemas noTikiko, uze wena ukhawuleze undihlangabeze eNikopoli. Ndifuna ukuchitha ubusika khona.

13. Yenza unako-nako ukulungiselela igqwetha uZenas kunye noApolo kwihambo yabo. Mabangabi nanto bayiswelayo.

14. Abantu bethu bona mabafunde ukuzisebenzela iintswelo zabo, bangavilaphi nje bengenamveliso.

15. Bayabulisa bonke abalapha kunye nam. Ndibulisele kubahlobo bethu abakholwayo.INkosi mayinenzele isisa.

funda isahluko epheleleyo Kutito 3