Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 9:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kodwa kwelesibini igumbi kwakungena umbingeleli omkhulu kuphela, kanye ngonyaka. Naye kwakufuneka ephethe igazi aza kungxengxezela ngalo izono zakhe kwakunye nezo abantu bazenze bengaqondi ukuba bayona.

8. UMoya oyiNgcwele ubonisa ngokucacileyo ukuba ngale nkqubo, xa kusekho igumbi lokuqala, ayikatyhilwa indlela eya kweyona ingcwele indawo.

9. Yonke le nquleqhu yayingumfuziselo nje wala maxesha sikuwo. Loo minikelo naloo madini amiselweyo akanako ukuyenza ifezeke intliziyo yomnquli.

10. Ngamatile-tile nje lawo aphathelele kwizinto ezityiwayo neziselwayo, nentlambuluko yangaphandle – yimimiselo nje ekhoyo kude kufike ixesha lenguqulelo entsha.

11. Kodwa selefikile ngoku uKrestu, umbingeleli omkhulu wezinto ezintle ezikhoyo. Intente angena kuyo yena inkulu, iyayigqwesa eyomnqophiso wokuqala. Yona ayenziwanga mntu. Ndithetha ukuthi asiyiyo yeli hlabathi lidaliweyo.

12. Igazi ledini asililo leebhokwe namathole, ligazi lakhe buqu. Kungoko ke wangenayo kwaba kanye kuphela kweyona ingcwele indawo, wasizuzela inkululeko yamaxesha onke.

13. Ukuba kaloku kwakusenzeka ukuba abantu bahlanjululwe izisihla ngokutshizwa ngegazi leebhokhwe neleenkomo nangothuthu lwethokazi,

14. ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.

15. Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.

16. Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile.

17. Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile.

18. Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi.

19. UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 9