kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13

Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 8 Ibhayibhile (XHO96)

UYesu umbingeleli womnqophiso omtsha

1. Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu!

2. Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo abantu.

3. Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo.

4. Ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli konke. Kaloku apha bakho ababingeleli abanikela izipho ngokumiselwa ngumthetho kaMosis.

5. Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.”

6. Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.

7. Ukuba ubungenagxeke umnqophiso wokuqala, bekungayi kubakho mfuneko yokuba ithathwe ngomnye indawo yawo.

8. Kodwa ke uThixo uyabagxeka; uthi:“ ‘Kuza imihla,’ itsho iNkosi,‘apho ndiya kwenza umnqophiso omtsha namaSirayeli kunye nabantu bakwaJuda.

9. Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu,mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa.Bayidela imimiselo yomnqophiso,nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.

10. ‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,ndibe nguThixo wabo,bona babe ngabantu bam.

11. Abayi kuba safundisana ngamelowo umntakwabo,elowo ummelwane wakhe,besithi: “Yazini iNkosi;”kuba bonke baya kundaziukususela koyena mncinanekuse koyena mkhulu.

12. Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”

13. Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.