Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 7:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngokwesiko lababingeleli izishumi zithathwa ngabantu abafayo, kanti ke yena uMelkizedeki uthathe izishumi engongqinelwa *naziziBhalo ukuba ungophilayo.

9. Ngoko ke singatsho ukuthi uLevi, nakuba zinikwa yena nje izishumi, kodwa wanikela izishumi ngoAbraham.

10. Kuba kaloku wayesesesinqeni sika-Abraham, ukudibana kwabo noMelkizedeki.

11. AmaSirayeli ukunikwa kwawo umthetho wawusekelwe ngobubingeleli bakwaLevi. Ke, ukuba ababingeleli babaLevi babegqibelele, ngekungabangakho mfuneko yakuba kuvele mbingeleli wumbi, nokwenza ingumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, ingelulo oluka-Aron.

12. Ngoko ke ukuguqulwa kobubingeleli kuveze imfuneko yokuba uguqulwe nomthetho.

13. Kaloku uYesu, lo kuthethwa ngaye apha, uphuma kwenye indlu, apho kungekho mntu wakha walungiselela eqongeni lamadini.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 7