Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 6:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.

11. Umnqweno wam kukuba nonke ngabanye ninga ningaqhubela phambili, nilubonakalisa olo langazelelo, lide lizaliseke ithemba lenu.

12. Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.

13. UThixo xa wayesenza isithembiso kuAbraham wazifunga kwayena; kaloku kwakungekho bani mkhulu kunaye wayengamfungayo.

14. Wenjenje ukuthetha: “Ndiya kukunisela amathamsanqa, sande sibe yinyambalala isizukulwana sakho.”

15. Ngenxa yomonde uAbraham wasizuza eso sithembiso.

16. Abantu xa befunga, bafunga lowo mkhulu kunabo; futhi ke isifungo siyayinqanda impikiswano.

17. NoThixo ke, xa wayefuna ukucacisela iindlalifa zesithembiso sakhe ukungaguquki kwenjongo yakhe, wasebenzisa isifungo.

18. Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu.

19. Eli themba ke liyintsika yobomi bethu. Liyasikhusela, futhi lisisiqinisekiso. Lingena liye kutsho ngaphaya komkhusane,

20. apho uYesu aye kungena khona njengovulindlela omele thina. Kaloku yena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki oya kuhlala ehleli.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 6