Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 6:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza,

2. sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade.

3. Emandleni eNkosi siya kuyenza ke loo nto.

4-6. Abantu ababekhe balungcamla ukhanyiselo, basiva isipho sasezulwini, baba nenxaxheba kuMoya oyiNgcwele, bakuva nokulunga kwelizwi likaThixo namandla ephakade elizayo, baza ke bakreqa, kungangenkankulu ukuba babuye baguqulwe. Kaloku kwabona baphinde bamxhoma uNyana kaThixo, bamenza isigculelo nentlekisa.

7. Intsimi ezifunxayo iimvula ezinayo, ize ivelise isivuno esimkholisayo umniniyo, iyathamsanqelwa nguThixo.

8. Kanti ke esuka ivelise ukhula nameva ayinto yanto, iphuthile, ifanelwe ngumlilo.

9. Zihlobo zam ezithandekayo, nakuba ndithetha ngolu hlobo nje, ndeyisekile kukuba nikwimeko efanelekileyo elusindisweni.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 6