Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 5:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:“Wena unguNyana wam;namhlanje ndikuzele.”

6. Kwenye indawo uthi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,oya kuhlala ehleli.”

7. Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela.

8. Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela.

9. Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo,

10. emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.

11. Zininzi iindawo ebesinokunichazela ngazo ngoMelkizedeki. Kodwa ke kusuke kwanzima nokunithela gqabagqaba oku, kuba kaloku nisuke naneentloko ezilukhuni.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 5