Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 5:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.

11. Zininzi iindawo ebesinokunichazela ngazo ngoMelkizedeki. Kodwa ke kusuke kwanzima nokunithela gqabagqaba oku, kuba kaloku nisuke naneentloko ezilukhuni.

12. Benifanelwe kukuba nifundisa ngokwenu ngoku. Kodwa kusuke kwafuneka ibe nini abafundiswayo, niqaliswe emva kwizifundo zokuqala ezingeendaba zikaThixo. Kusuke kwafuneka nisezwe ubisi endaweni yokuba ninikwe ukutya okuqinileyo.

13. Wonke umntu osezwa ubisi lusana; akakwazi okuhle nokubi.

14. Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 5