Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 5:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kaloku wonke umbingeleli omkhulu ukhethwa ebantwini, amiselwe ukuzakuza phakathi kwabantu noThixo. Unikela izipho namadini okungxengxezela izono.

2. Uyakwazi ukubanyamezela abo bazizityhifili nabo baphazamayo, kuba kaloku naye ngokwakhe unobuthathaka.

3. Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu.

4. Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.

5. Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:“Wena unguNyana wam;namhlanje ndikuzele.”

6. Kwenye indawo uthi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,oya kuhlala ehleli.”

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 5