Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 4:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.

12. Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.

13. Akukho nto ifihlakeleyo kuye: yonke into imi ze phambi koThixo. Silindelwe kukwenza ingxelo kuye xa sisonke.

14. Ngoko ke, sinombingeleli omkhulu nje, uDabulamazulu, uYesu uNyana kaThixo, masibambelele nkqi kwesi sivumo sethu.

15. Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.

16. Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 4