Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. ‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.

10. Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.

11. Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

12. Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.

13. Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.

14. Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3