6. Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.
7. Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,
8. sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.
9. ‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.
10. Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.
11. Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”
12. Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.