Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.

14. Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

15. *IziBhalo xa zisithi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”

16. zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis.

17. Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3