Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu.

2. Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo.

3. Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis.

4. Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.

5. Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo.

6. Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.

7. Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3