Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 2:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kukho indawo ekubhalwe kuyo *eziBhalweni kwathiwa:“Uyintoni na umntu, Thixo, le nto ude uzidube kangaka ngaye?Kutheni le nto ude uzikhathaze ngento nje engumntu?

7. Umbeke ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zakho.Umthe jize ngesihomo nesithozela.

8. Umnike igunya lokulawula zonke izinto.”Ukuba ke uThixo umnike igunya lokulawula zonke izinto, akukho nanye into engekho ngaphantsi kolawulo lwakhe. Kambe ke ngenene, asikaziboni zonke izinto ziphantsi kwegunya lomntu okwangoku.

9. Nanku ke kodwa uYesu. Yena wabekwa ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zikaThixo. Ngoku uthiwe jize ngesihomo nesithozela, kuba ngenxa yesisa sikaThixo wavuma ukufa ngenxa yoluntu lonke.

10. Njengoko ke uThixo, ezikholo yena, zikho ngaye zonke izinto, ethande ukubanika iwonga abantwana bakhe abaninzi, bekufanelekile ukuba amsulungekisele ubunkokheli ngokuva ubunzima uYesu, lowo wayeza kubakhokelela elusindisweni.

11. Kaloku lowo ukhaphela kuThixo kwanabo bakhatshelwayo ngabamlibo mnye. Yiyo ke le nto uYesu angenazintloni ukuthi abantu ngabantakwabo

12. apho athi:“Ndolivakalisa, Thixo, igama lakho kubantakwethu;ndikudumise esidlangalaleni sabantu bakaThixo.”

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 2