Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 2:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Njengoko ke uThixo, ezikholo yena, zikho ngaye zonke izinto, ethande ukubanika iwonga abantwana bakhe abaninzi, bekufanelekile ukuba amsulungekisele ubunkokheli ngokuva ubunzima uYesu, lowo wayeza kubakhokelela elusindisweni.

11. Kaloku lowo ukhaphela kuThixo kwanabo bakhatshelwayo ngabamlibo mnye. Yiyo ke le nto uYesu angenazintloni ukuthi abantu ngabantakwabo

12. apho athi:“Ndolivakalisa, Thixo, igama lakho kubantakwethu;ndikudumise esidlangalaleni sabantu bakaThixo.”

13. Uphinda athi:“Ndilibeka kuThixo ithemba lam;”aze aphinde athi:“Ndim lo, ndikunye nabantwana andinike bona uThixo.”

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 2