Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kuyafuneka ke ngoko ukuba silumke, sibambelele nkqi emfundisweni esiyivileyo, hleze siluthuzeliswe.

2. Kaloku ukuba udaba olweza nezithunywa zezulu lwalulukhulu kangangokuba ukulutyeshela nokuludela bekuzisa isohlwayo esifaneleyo,

3. singaphuncuka njani ke thina xa siludela olungaka lona usindiso? YiNkosi ngokwayo eluvakalisileyo olu sindiso kuqala, baza ke abo bayivileyo babungqina ubunyani balo kuthi.

4. UThixo ke yena wongezelela ubungqina babo ngemiqondiso, imimangaliso, nangezenzo ezibonakalisa amandla akhe, ebanika neziphiwo zikaMoya oyiNgcwele ngohlobo athande ngalo.

5. UThixo kaloku akalinikanga izithunywa zakhe igunya lokulawula ilizwe elizayo – ngumxholo esithetha ngawo ke lowo.

6. Kukho indawo ekubhalwe kuyo *eziBhalweni kwathiwa:“Uyintoni na umntu, Thixo, le nto ude uzidube kangaka ngaye?Kutheni le nto ude uzikhathaze ngento nje engumntu?

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 2