Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:12-29 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngoko ke dlamkani, zihlaziyeke iingalo ezinomkhinkqi namadolo anengevane.

13. Imizila yendlela yenu mayingabi goso, ukuze oqhwalelayo angenzakali, koko anyangeke.

14. Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

15. Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi.

16. Lumkani kungathi kanti kukho umntu olihilihili, okanye ophandl' apha njengoEsawu. Kaloku yena waphulukana nobuzibulo bakhe ngenxa yokutya.

17. Kananjalo niyazi ukuba kamva wathi efuna ukuyibanga intsikelelo akamkeleka. Ewe, wayeyifuna nangeenyembezi, kodwa akayizuzanga, kuba akazange alifumane ithuba lokuguquka.

18. Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela,

19. nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo.

20. Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”

21. Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”

22. Hayi kaloku, nina niphambi kwentaba iZiyon, nomzi kaThixo ophilayo, iJerusalem yaphezulu enamawaka-waka ezithunywa zezulu. Nifikile kwitheko

23. leenginginya yeendlalifa zikaThixo ezingabemi baphezulu. Ewe, niphambi koThixo ongumgwebi wabo bonke, naphambi koomoya bamalungisa asulungekileyo.

24. Nifikile kuYesu unozakuzaku womnqophiso omtsha. Ukuchitheka kwelakhe igazi kusiphathele izinto ezinkulu kunelika-Abheli.

25. Ngoko ke sanukuba neenkani: phulaphulani xa athethayo. Abo babeneenkani, bangazange baliphulaphule ilizwi elalibalumkisa emhlabeni, abasindanga esohlwayweni. Ngokungakumbi ke nathi asiyi kusinda ukuba sineenkani, asiliphulaphuli ilizwi lalowo usilumkisayo ezulwini.

26. Kambe ke ngelo xesha ilizwi lakhe lawugungqisa umhlaba, kodwa ngoku uthembise wathi: “Ndiya kuphinda, phofu ndingagungqisi umhlaba wodwa, koko nezulu ngenkqu.”

27. La mazwi athi “ndiya kuphinda” acacisa mhlophe ukuba izinto ezidaliweyo ziya kugungqiswa zisuswe, zize zithi izinto ezingagungqiyo zisale.

28. Ngoko ke masitsho ngongazenzisiyo umbulelo kuThixo, kuba kaloku siphantsi kombuso ongagungqiyo. Masidomboze simnqule ngendlela eya kumkholisa uThixo, simhlonela sinoloyiko.

29. Kaloku uThixo wethu ngumlilo olenyayo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12