Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.