Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:28-39 Ibhayibhile (XHO96)

28. Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.

29. Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.

30. Kaloku siyamazi lowo wathi:“Impindezelo yeyam;ndim oya kubuyekeza.”Kwakhona uphinda athi:“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”

31. Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!

32. Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko.

33. Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi.

34. Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli.

35. Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu.

36. Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.

37. Kaloku zithi *iziBhalo:“Kusasele umzuzwana njeaze lowo uzayo afike, angalibazisi.

38. Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo;kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.”

39. Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10