Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:23-36 Ibhayibhile (XHO96)

23. Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

24. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle.

25. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

26. Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu.

27. Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo.

28. Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.

29. Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.

30. Kaloku siyamazi lowo wathi:“Impindezelo yeyam;ndim oya kubuyekeza.”Kwakhona uphinda athi:“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”

31. Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!

32. Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko.

33. Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi.

34. Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli.

35. Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu.

36. Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10