Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo.

2. Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono.

3. Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le.

4. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.

5. UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:“Wena akuwafuni amadini neminikelo,yiyo loo nto undilungiselele umzimba.

6. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;

7. ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”

8. Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.

9. Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10