Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 6:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

8. Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.

9. Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

10. Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

11. Niyawabona la magama makhulu? Kubhala mna ngoku, ngesandla sam.

12. Ngabo baqhayisa ngezinto zembonakalo yangaphandle, abo baninyanzela ngokwaluka. Into abayifunayo kuphela kukuzama ukuphepha ukutshutshiswa ngenxa yomnqamlezo kaYesu Krestu.

13. Kuba nkqu nabo balukayo abawuthobeli ncam umthetho; bafuna nje ukuba naluke ukuze baqhayise ngento yokuba nilenzile isiko – eliyinto nje yangaphandle!

14. Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.

15. Nokuba umntu walukile, nokuba akalukanga, akunamsebenzi. Into ebalulekileyo kukuba yindalo entsha.

16. Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.

17. Ndiphetha ngelithi: Mandingaphindi ndikhathazwe mntu, kuba iziva ezisemzimbeni wam zixela ukuba ndisisicaka sikaKrestu.

18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke, mawethu. *Amen.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 6