Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 6:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.

2. Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

3. Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo.

4. Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu.

5. Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.

6. Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.

7. Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 6