Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 5:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

15. Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele.

16. Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

17. Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

18. Kodwa ke ukuba nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho.

19. Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu;

20. unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano;

21. umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

22. Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko;

23. ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

24. Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso.

25. Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

26. Masingazigwagwisi, sicaphukisana, simonelana.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 5