Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 5:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2. Phulaphulani! Mna Pawulos ndithi kuni: Ukuba nithi ulwaluko luyimfuneko, loo nto ithetha ukuba uKrestu akaloncedo kuni mpela.

3. Ndiyaphinda ndilumkisa wonke umntu ovuma ukwaluka ukuba uyanyanzeleka ukuba awuthobele wonke umthetho.

4. Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.

5. Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo.

6. Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.

7. Naniqhuba kakuhle kangaka nje! Ngubani ke ngoku oniyekisileyo ukuyithobela inyaniso? Uniqhathe kanjani?

8. Loo nto ayenziwanga nguThixo lo unibizayo.

9. Kaloku bathi: “Igwele elincinci liyinyusa yonke intlama.”

10. Ukumanyana kwethu eNkosini kundenza ndinithembe ukuba aniyi kuhamba naluvo lulolunye. Naye loo mntu uniqunga-qungayo, nokuba ungubani na, uya kohlwaywa nguThixo.

11. Mna ke, mawethu, ngaba ndisatshutshiselwa ntoni ukuba ndisashumayela ukuba ulwaluko luyimfuneko? Ukuba ibiyinyaniso loo nto, ukushumayela kwam umnqamlezo ngekungesiso isikhubekiso.

12. Akwaba abo baniqunga-qungayo bebeya kusele beyihamba yonke loo ndlela, bazisike ngokwabo.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 5