Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:4-19 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha, uThixo wamthumela uNyana wakhe. Weza ngokuzalwa ngumntu obhinqileyo, wazalelwa phantsi *komthetho kaMosis,

5. ukuze ahlangule abo baphantsi komthetho, size thina sibe ngoonyana bakaThixo.

6. Ukubonakalisa ukuba ningoonyana bakhe, uThixo unambese ngoMoya woNyana wakhe. Lowo ke ngulo Moya nidanduluka ngaye nithi: “Tata.”

7. Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.

8. Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo.

9. Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?

10. Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!

11. Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.

12. Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.

13. Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula.

14. Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.

15. Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.

16. Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?

17. Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo.

18. Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu.

19. Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4