Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo.

18. Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu.

19. Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni.

20. Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela.

21. Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho?

22. Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya.

23. Lo nyana wesicakazana yena wazalwa ngendlela azalwa ngayo wonke umntu, kodwa yena unyana womfazi wekhaya wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo.

24. Ngumfanekiso nje lo: aba bafazi babini bafuzisela iminqophiso emibini; omnye (uHagare ukutsho) uvela entabeni yeSinayi, obantwana bazalelwa ebukhobokeni.

25. UHagare ufuzisela intaba yeSinayi kwelama-Arabhu, ekwafanekisa le dolophu yaseJerusalem ikhoyo ngoku, esebukhobokeni nabemi bayo bonke.

26. Eyasezulwini yona iJerusalem ezayo ikhululekile, yaye ingumama wethu.

27. Kuba *iziBhalo zithi:“Vuya, wena ludlolwazana!Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba!Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.”

28. Nina ke ngoku, mawethu, ningabantwana bakaThixo ngenxa yesithembiso, kanye njengokuba noIsake wayengumntwana wesithembiso.

29. Ngelo xesha unyana owazalwa ngendlela eqhelekileyo wamtshutshisa unyana owazalwa ngamandla oMoya kaThixo;kusenjalo ke nangoku.

30. Kodwa ke zithini iziBhalo? Zithi: “Sikhuphele ngaphandle isicakazana esilikhoboka kunye nonyana waso; kaloku unyana wesicakazana makangalidli ilifa nonyana womfazi wekhaya.”

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4