Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.

15. Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.

16. Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?

17. Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo.

18. Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu.

19. Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni.

20. Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela.

21. Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho?

22. Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya.

23. Lo nyana wesicakazana yena wazalwa ngendlela azalwa ngayo wonke umntu, kodwa yena unyana womfazi wekhaya wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo.

24. Ngumfanekiso nje lo: aba bafazi babini bafuzisela iminqophiso emibini; omnye (uHagare ukutsho) uvela entabeni yeSinayi, obantwana bazalelwa ebukhobokeni.

25. UHagare ufuzisela intaba yeSinayi kwelama-Arabhu, ekwafanekisa le dolophu yaseJerusalem ikhoyo ngoku, esebukhobokeni nabemi bayo bonke.

26. Eyasezulwini yona iJerusalem ezayo ikhululekile, yaye ingumama wethu.

27. Kuba *iziBhalo zithi:“Vuya, wena ludlolwazana!Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba!Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.”

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4