Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!

11. Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.

12. Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.

13. Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula.

14. Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.

15. Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.

16. Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?

17. Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo.

18. Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu.

19. Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni.

20. Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela.

21. Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho?

22. Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4