Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lo mcimbi makhe ndiwubeke ngolu hlobo: Unyana oyindlamafa uphathwa njengesicaka lo gama aselula, nakuba zonke izinto zizezakhe.

2. Uyagcinwa alungiselelwe yonke imicimbi yakhe kude kufike ixesha elimiswe nguyise.

3. Nathi ke ngokuya besingekakhuli besiphantsi kwezithethe zabantu.

4. Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha, uThixo wamthumela uNyana wakhe. Weza ngokuzalwa ngumntu obhinqileyo, wazalelwa phantsi *komthetho kaMosis,

5. ukuze ahlangule abo baphantsi komthetho, size thina sibe ngoonyana bakaThixo.

6. Ukubonakalisa ukuba ningoonyana bakhe, uThixo unambese ngoMoya woNyana wakhe. Lowo ke ngulo Moya nidanduluka ngaye nithi: “Tata.”

7. Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.

8. Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4