Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.

10. Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!”

11. Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”

12. Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”

13. Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”

14. Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.

15. Mawethu, makhe ndininike umzekelo oqhelekileyo. Xa kukho umnqophiso ogqityiweyo akukho bani unokuwujika okanye awongeze.

16. Ngoku ke uThixo wênza izithembiso kuAbraham nakumzukulwana wakhe. *IziBhalo azitsho kuAbraham ukuthi “kwinzala yakho,” ngokungathi zithetha ngabantu abaninzi, kodwa zithi “kumzukulwana wakho,” zithetha ngomntu omnye qha, onguKrestu.

17. Xa nditshoyo ke ndithi umnqophiso ogqitywe nguThixo awunakujikwa ngumthetho ofike emva kwamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka ukho umnqophiso, ungenako nokusitshitshisa isithembiso sikaThixo.

18. Kaloku, ukuba ngaba ilifa lixhomekeke emthethweni, loo nto ithetha ukuba alizuzwa ngokwesithembiso, ibe ke kodwa uAbraham walinikwa nguThixo ngesithembiso.

19. Yaye iyintoni ke injongo yomthetho? Wona wahlonyelelwa ukuze ucacise isigqitho, lo gama angekafiki umzukulwana ka-Abraham esasenzelwe yena isithembiso. Umthetho wanikelwa zizithunywa, kukho unozakuzaku.

20. Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.

21. Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo.

22. Kodwa ke *iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.

23. Ngokuya lwalungekafiki ukholo sasingamabanjwa omthetho, silindiswe ukutyhileka kokholo.

24. Ngoko ke umthetho wawusigcine lo gama angekafiki uKrestu, ukuze sigwetyelwe ngokukholwa kuThixo.

25. Xa selifikile ke ixesha lokholo, akusekho mfuneko yakuba sigcinwe ngumthetho.

26. Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3