Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.”

9. Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.

10. Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!”

11. Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”

12. Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”

13. Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”

14. Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.

15. Mawethu, makhe ndininike umzekelo oqhelekileyo. Xa kukho umnqophiso ogqityiweyo akukho bani unokuwujika okanye awongeze.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3