Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo.

22. Kodwa ke *iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.

23. Ngokuya lwalungekafiki ukholo sasingamabanjwa omthetho, silindiswe ukutyhileka kokholo.

24. Ngoko ke umthetho wawusigcine lo gama angekafiki uKrestu, ukuze sigwetyelwe ngokukholwa kuThixo.

25. Xa selifikile ke ixesha lokholo, akusekho mfuneko yakuba sigcinwe ngumthetho.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3