Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”

12. Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”

13. Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”

14. Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.

15. Mawethu, makhe ndininike umzekelo oqhelekileyo. Xa kukho umnqophiso ogqityiweyo akukho bani unokuwujika okanye awongeze.

16. Ngoku ke uThixo wênza izithembiso kuAbraham nakumzukulwana wakhe. *IziBhalo azitsho kuAbraham ukuthi “kwinzala yakho,” ngokungathi zithetha ngabantu abaninzi, kodwa zithi “kumzukulwana wakho,” zithetha ngomntu omnye qha, onguKrestu.

17. Xa nditshoyo ke ndithi umnqophiso ogqitywe nguThixo awunakujikwa ngumthetho ofike emva kwamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka ukho umnqophiso, ungenako nokusitshitshisa isithembiso sikaThixo.

18. Kaloku, ukuba ngaba ilifa lixhomekeke emthethweni, loo nto ithetha ukuba alizuzwa ngokwesithembiso, ibe ke kodwa uAbraham walinikwa nguThixo ngesithembiso.

19. Yaye iyintoni ke injongo yomthetho? Wona wahlonyelelwa ukuze ucacise isigqitho, lo gama angekafiki umzukulwana ka-Abraham esasenzelwe yena isithembiso. Umthetho wanikelwa zizithunywa, kukho unozakuzaku.

20. Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3