Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 2:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kambe asizange sibaqhelisele nakancinane, khon' ukuze sinigcinele inyaniso yeendaba ezimnandi ingenabala.

6. Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum.

7. Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda.

8. Kaloku amandla kaThixo andenza *ndangumthunywa ezintlangeni, kanye ngale ndlela uPetros wenziwa ngayo wangumthunywa kumaJuda.

9. UYakobi noPetros noYohane ababesaziwa njengezona ntsika, bayivuma into yokuba uThixo undibizele kulo msebenzi, ngoko ke basibamba isandla sinoBharnabha. Savumelana ke ukuba sisebenzisane; thina sisebenze phakathi kweentlanga, bona ke phakathi kwamaJuda.

10. Into abayiyalezayo kukuba sibakhumbule abo bahlelelekileyo phakathi kwabo, nto leyo ke endandisenza yona kakade.

11. Xa wayeseAntiyokwe uPetros ndamgqogqa iindlebe, ndimxelela ngempazamo yakhe eyayidandalazile mpela.

12. Wayedla ngokutya kunye namakholwa aziintlanga, ngaphambi kokuba kufike apho iqela lamadoda awayevela kuYakobi. Kodwa kuthe kwakuba kufike la madoda warhoxa uPetros, wazilumla ekutyeni namawethu aziintlanga, ngenxa yokoyika ukugxekwa ngâbo babesithi makwalukwe.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 2