Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kweminyaka elishumi elinesine ndabuyela eJerusalem noBharnabha, ndikhatshwa nguTito.

2. Ndaya kuba ndityhilelwe nguThixo ukuba mandiye. Saba nentlanganiso yabucala kunye neenkokheli, ndaza ndazichazela iindaba endizishumayela ezintlangeni. Ndandingafuni ukuba umsebenzi esendiwenzile nalowo ndandisawenza ube lilize.

3. Nakuba wayengumGrike, uTito owayenam zange anyanzelwe ukuba aluke,

4. nangona amadoda athile azenza amakholwa angenelela, aza afuna ukuba makalùswe. Aba bantu bangena ngokunyebelezela, befuna ukuhlola le nkululeko sinayo kubudlelane bethu noKrestu, befuna ukusenza amakhoboka.

5. Kambe asizange sibaqhelisele nakancinane, khon' ukuze sinigcinele inyaniso yeendaba ezimnandi ingenabala.

6. Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum.

7. Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 2