Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 1:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ndinithele nqa ukuba nithi ngexeshana nje elingephi nibe senindlandlatheka emva kwezinye iindaba ezingathi zimnandi, nimfulathele lowo wanibizayo ngesisa sikaKrestu.

7. Eneneni akukho ndaba zimbi zimnandi zizezinye, koko nditsho nje kuba kukho abantu abaniphazamisayo, bezama ukuzigqwetha iindaba ezimnandi ezingoKrestu.

8. Kodwa ukuba kukho umntu, nokuba ndim, nokuba sisithunywa sezulu, oshumayela iindaba ezinxamnye nezo ndanishumayeza zona: uqalekisiwe lowo.

9. Besenditshilo, nangoku ndiyaphinda, ndithi: Ukuba kukho bani onishumayeza iindaba ezingathi zimnandi eziphikisana nezo senizamkele, loo mntu makaqalekiswe!

10. Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.

11. Mandiyithethe ngokuphandle, mawethu, into yokuba ezi ndaba ndizishumayelayo aziyonto nje equlunqwe ngumntu.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 1