Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 8:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula.

4. Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso.

5. Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.

6. Izithunywa ezisixhenxe ezaziphethe amaxilongo asixhenxe, ngoku zalungela ukuwavuthela.

7. Salivuthela esokuqala isithunywa ixilongo laso. Kwawa isichotho nomlilo, zixutywe negazi. Satsha nqu isiqingatha sesithathu somhlaba. Isiqingatha sesithathu seendidi zonke zemithi, nalo lonke uhlobo lwengca lwatsha lwaphela.

8. Salivuthela ixilongo laso nesesibini isithunywa. Kwaba ngathi intabakazi enkulu iphoswe elwandle ivutha; sathi isiqingatha sesithathu solwandle saba ligazi.

9. Kwafa isiqingatha sesithathu sazo zonke iindidi zezinto ezihlala elwandle. Kwatshabalala isiqingatha sesithathu sazo zonke iinqanawa.

10. Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 8