Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 8:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku iXhwane laluqhaqha uphawu lwesixhenxe. Kwathi nzwanga ezulwini isithuba esingangecala leawara enye.

2. Emva koko ndabona izithunywa ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.

3. Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula.

4. Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso.

5. Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.

6. Izithunywa ezisixhenxe ezaziphethe amaxilongo asixhenxe, ngoku zalungela ukuwavuthela.

7. Salivuthela esokuqala isithunywa ixilongo laso. Kwawa isichotho nomlilo, zixutywe negazi. Satsha nqu isiqingatha sesithathu somhlaba. Isiqingatha sesithathu seendidi zonke zemithi, nalo lonke uhlobo lwengca lwatsha lwaphela.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 8