Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 7:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko ndabona izithunywa ezine zimi kwiikona zone zomhlaba. Zazivalele imimoya yomhlaba yomine apho, ukuze kungabikho nampunde yamoya uvela elwandle, okanye ucande emhlabeni, ungabhudli namnye umthi.

2. Ndabona nesinye isithunywa sisithi gqi ngasempumalanga, siphethe uphawu lukaThixo ohlala ehleli. Samemeza sibhekisa kweziya zithunywa zine bezinikwe igunya lokonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi:

3. “Khanikhe nime ngokonakalisa umhlaba nolwandle nemithi! Maside sigqibe ukubeka uphawu lukaThixo kumabunzi ezicaka zakhe!”

4. Ndaliva lixelwa nenani labo baphawulwayo. Kwaphawulwa ikhulu elinamashumi mane anesine amawaka kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 7