Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 6:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.

12. Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi.

13. Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi.

14. Sona isibhakabhaka saphel' emehlweni, kwaba ngathi kusongwa umqulu, zonke iintaba neziqithi zanqukrulwa.

15. Zasuka ke izikumkani zehlabathi, abasemagunyeni neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, oozityebi nezinxiba-mxhaka, nalo lonke uluntu, oozicaka nabakhululekileyo, baya kuzímela emiqolombeni nasemiqhokrweni ezintabeni.

16. Badanduluka bebhekisa ezintabeni nasemaweni, bathi: “Siweleni, ukuze sifihlakale kulowo uhleli esihlalweni sokulawula nakwingqumbo yeXhwane!

17. Ewe, kaloku iMini yabo yokuphindezela igalelekile. Yaz'ba ngubani na ke onokusinda kuyo?”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 6