Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.

5. Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

6. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

7. “Bhalela ummeli webandla laseFiladelfiya, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uyingcwele, ungowenene, uphethe izitshixo zakwaDavide; lowo uthi akuvula kungavali bani, athi akuvala kungavuli mntu.

8. Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela.

9. Ndiya kwenza le nto ke: Abo baligquba likaSathana, amamenemene azenza amaJuda engengawo, ndiya kubathoba, bakhahlele kuwe, bazi ukuba ndiyakuthanda.

10. Ke ngenxa yokuba uzingisile ekulithobeleni ilizwi lam elikubizela ekunyamezeleni, ndiza kukuhlangula kwishwangusha eliza ehlabathini lize kulinga bonke abantu.

11. Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3