Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kodwa ke ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukutshica.

17. Uzingca ngokuba usisityebi, umi kakuhle. Uthi awuswele nto. Enyanisweni nakuba ungaqondi nje ungowokusizelwa, impula kalujaca, kuba ulihlwempu, imfama, uzé.

18. Ngoko ke ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide enyityilikiswe ngomlilo yacwenga, ukuze ube sisityebi. Ngokunjalo thenga neempahla ezimhlophe, ukuze ubufihle ubuze bakho. Thenga nentambiso, uqabe amehlo akho, khon' ukuze ubone.

19. Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.

20. Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.

21. Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.

22. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni.’ ”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3