Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:13-18 Ibhayibhile (XHO96)

13. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

14. “Bhalela ummeli webandla laseLawodike, uthi: ‘Nalu udaba oluvela *kuAmen, olingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo. Yena ngumthombo wayo yonke indalo kaThixo.

15. Ndiyasazi isimo sakho: Awubandi, awushushu. Akwaba ubushushu okanye ubanda!

16. Kodwa ke ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukutshica.

17. Uzingca ngokuba usisityebi, umi kakuhle. Uthi awuswele nto. Enyanisweni nakuba ungaqondi nje ungowokusizelwa, impula kalujaca, kuba ulihlwempu, imfama, uzé.

18. Ngoko ke ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide enyityilikiswe ngomlilo yacwenga, ukuze ube sisityebi. Ngokunjalo thenga neempahla ezimhlophe, ukuze ubufihle ubuze bakho. Thenga nentambiso, uqabe amehlo akho, khon' ukuze ubone.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3