Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Bhalela ummeli webandla laseSardes, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe: Ndiyazazi iindlela zakho. Ndiyazi ukuba nakuba udume ngokuphila nje, ufile kodwa.

2. Vuka, uhlaziye loo ntlantsana isahleliyo, hleze ife nayo! Akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene ugqibekile phambi kukaThixo.

3. Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na.

4. Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.

5. Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

6. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3